21. Waza uSamweli wasondeza isizwe sakwaBhenjamin ngokweziduko zaso, kwaza kwatyunjwa indlu kaMatri, kuyo kwatyunjwa uSawule unyana kaKishe. Bamkhangela kodwa ababi nakumfumana.
22. Baza babuza kuNdikhoyo bathi: “Ngaba selefikile na?”UNdikhoyo wathi: “Ewe, nankuya ezimele phaya emva kwemithwalo.”
23. Akhawuleza aya kumrhola apho amadoda, amzisa ebantwini. Kwathi xa emi phakathi kwabo wavela ngentloko kubo bonke.
24. Wenjenje ke uSamweli ukubhekisa ebantwini: “Nanku ke umntu otyunjwe nguNdikhoyo. Niyabona nani ukuba akukho namnye onjengaye phakathi kwethu.”Baduma bonke abantu, bathi: “Huntshu-u-u, ad' akhokhob' ukumkani!”
25. Ke uSamweli wabachazela ngemigaqo yobukumkani, wayibhala encwadini, waza wayibeka phambi kukaNdikhoyo. Wabandulula ke bonke, bagoduka.
26. Naye uSawule waya kowabo eGibheya. Kwabakho magorha antliziyo zichukunyiswe nguThixo, ahamba naye.