1 Kasamweli 1:16-23 Ibhayibhile (XHO96)

16. Uze ungathi ndilitshijolo lomfazi. Ndithandaza ndingayeki nje, kungenxa yokuba ndibindekile ndihluphekile.”

17. “Hayi ke, hamba ngoxolo; uThixo kaSirayeli uya kukwenzela ngokwesicelo sakho, ntombi yam,” watsho uEli.

18. UHana yena wathi: “Akwaba isicakazana sakho singababalwa njalo.” Watsho ehamba, waya kutya, waxola.

19. Usapho lukaElikana lwavuka kwangentseni. Baya kunqula *uNdikhoyo, emva koko banduluka ukubuyela kokwabo eRama. Ke uElikana wahlangana noHana umkakhe. Weviwa nguNdikhoyo umthandazo wakhe.

20. Wakhawula, wazala inkwenkwe unyaka ungekapheli. Wathi: “Igama layo nguSamweli; kaloku ndayicela kuNdikhoyo.”

21. UElikana ubuye waya nosapho lwakhe eShilo ukuya kunikela kuNdikhoyo idini lonyaka kunye nelesithembiso.

22. UHana wasala ekhaya. Wathi kumyeni wakhe: “Ndakululumla usana lwam, ndolusa endlwini kaNdikhoyo, luhlale phambi kwakhe ubomi balo bonke.”

23. Indoda yakhe uElikana yathi: “Kulungile, ungasala. Yenza loo nto uyibona ilungile. Ungalinda ude umlumle umntwana. Ubenga uNdikhoyo angasifezekisa isithembiso sakhe.”Wasala ke uHana, eluncancisa usana lwakhe, lwada lwalunyulwa.

1 Kasamweli 1