1. ERamatayim kwakukho mfo uthile ugama linguElikana, unyana kaJeroham, kaElihu, kaTowu wendlu kaZufi. Wayengowesizwe sakwaEfrayim kweleentaba.
2. Lo mfo wayenabafazi ababini, uHana noPenina. UPenina wayezala, kodwa uHana yena engafumani bantwana.
3. Minyaka le lo mfo wayedla ngokuya eShilo, aye kunqula *uNdikhoyo uThixo onamandla onke, anikele amadini. UHofeni noPineyasi, oonyana bakaEli, babengababingeleli bakaNdikhoyo apho.
4. Wayedla ngokuthi uElikana, ngomhla enze idini, akhuphe izabelo zikaPenina nezabantwana bakhe,
5. uHana yena amnike sibe sinye, naxa wayemthanda nje. Kaloku uHana wayeyivinjiwe inzala nguNdikhoyo.
6. Ngaphezu koko umka-ndod' akhe uPenina wayesoloko emcunukisa, emngcungcuthekisa ngokungazali kwakhe.
7. Yayisithi rhoqo le nto ukwenzeka xa beye kwaNdikhoyo eShilo minyaka le. UPenina wayesoloko emnukuneza ngokungazali kwakhe uHana, amtsho ade akhale ezimathontsi, angafuni nokutya oku.