1 Kapetros 4:8-14 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ngaphezu koko ke hlalani nithandana, kuba kaloku uthando luyazingcwaba izono.

9. Belezelanani ningenasikrokro.

10. Umntu onikwe isiphiwo esithile nguThixo makasisebenzise ekuncedeni abanye, njengegosa lokwaba isisa sikaThixo esintlobo-ntlobo.

11. Oshumayelayo makamele uThixo. Oncedisayo makancedise ngamandla awaphiwa nguThixo. Zonke izinto zenzeleni ukuze kunconywe uThixo ngenxa kaYesu Krestu. Kaloku sesakhe isidima namandla nanini nanini. *Amen.

12. Zihlobo zam, sanukumangaliswa yile ngcinezelo ingaka niphantsi kwayo, ngokungathi nibona umhlola.

13. Ndaweni yaloo nto vuyani kuba nani ninenxaxheba kwingcinezelo kaKrestu; nto leyo iya kunenza nichulumache ngakumbi ngomhla wokubonakala kobungangamsha bakhe.

14. Nithamsanqelekile ukuba niyathukwa ngenxa yokuba ningabakaKrestu. Kaloku loo nto icacisa ukuba uMoya osinika isidima, onguMoya kaThixo, unifukamele.

1 Kapetros 4