1 Kapetros 4:12-15 Ibhayibhile (XHO96)

12. Zihlobo zam, sanukumangaliswa yile ngcinezelo ingaka niphantsi kwayo, ngokungathi nibona umhlola.

13. Ndaweni yaloo nto vuyani kuba nani ninenxaxheba kwingcinezelo kaKrestu; nto leyo iya kunenza nichulumache ngakumbi ngomhla wokubonakala kobungangamsha bakhe.

14. Nithamsanqelekile ukuba niyathukwa ngenxa yokuba ningabakaKrestu. Kaloku loo nto icacisa ukuba uMoya osinika isidima, onguMoya kaThixo, unifukamele.

15. Xa nibandezeleka makungabi ngenxa yobugwinta, ukûba, ubuqili, okanye ukuphixanisa.

1 Kapetros 4